Buzani Kubawo reviewBUZANI KU BAWO. Directed by Thokozile Ntshinga. Artscape.

PEGGY TUNYISWA reviews

Litheko labafundi nootitshala/kazi babo phaya eArtscape kuba kudlala uBuzani Ku Bawo eqongeni. Le ncwadi iyintandokazi yoninzi lwabathandi besiXhosa, seyineminyaka iquqa ibuyelela apha kulo mzi kuba kaloku kufundwa yona ezikolweni kumabanga Gr 10-12.  Ukubekwa kwayo eqongeni ziinzame zokuncedisana nabafundi bakwazi ukulikhumbula ibali ngeemviwo. AyisosiXhosa sodwa ke esifumana elithamsanqa lokudlalelwa iincwadi zesikolo, nesiNgesi neAfrikaans ziyalungiselelwa. Uyabona nje ngentlaninge yezikolo ezigcwala apha kulo mzi minyaka le, ukuba idrama  ibaluleke kakhulu ekufundiseni nangona ithathelwa phantsi ixesha elininzi.

Kulo nyaka ndiwuthandile umdlalo, ndiwubona ukulendawo ubumel’ukuba ukuyo ngokweenjongo zemfundo. Ebalini kunyanzeliswa abatsha ukuba batshate nabantu abangabafuniyo kunabo babathandayo. Sibona uGugulethu obathobeleyo abazali bakhe, esenza intando yabo ukudlula eyakhe. Zimtye ke iziphumo zaloo nto. Nabazali abahlonele amasiko bade bawanyanzelise ngokungenasizi ebantwaneni babo, bayayifumana imivumbo yezigqibo zabo. Kuyafiwa kwelibali!

Into ebisakundehlula kwelibali ibibubundlobongela kumanina nabantwana. Xa ndisithi kuyafiwa, nditsho into eyenzekayo kubalinganiswa ngenxa yezizinyanzeliso zabazali. Yinto le ibingabukeleki lula kum ngoba  amanani okubulawa kwabafazi exhome kakhulu eMzantsi Afrika. Ibindiphatha kakubi ke into yokubonakaliswa kukaGugulethu exabela umfazi nabantwana kuleminyaka idlulileyo. Ndiyeyamanisa nezimfundiso ndithi idrama inceda  ngazo. Kodwa ke ababhexeshi abathandisi mna xa besenza umsebenzi wabo, kwaye azange ehle amanani ezikolo ezibukelayo ngenxa yaloo nto. Yingxaki yam le.

Ndiqale ukuthatheka ndisangena eholweni,  labe lithe gqa iqonga ngumfanekiso omkhulu kwaye omhle weelali. Wena wakhe wabubona ubuhle belizwe lakowethu ngeezolali zisondelelene nohola wendlela uN2 usiya eMthatha. Kuthwe ngu Alfred Rietman obehlanganisa enxibisa iqonga. Mandincome ukuba kwelityeli iqondo lokuboniswa kobundlobongela lehlile, kwanyuka elongquzulwano ngaphakathi emntwini. Bekuluyolo ukubukela utshintsho kuGugulethu  (Philani Xhaga) ebehlel’engumfana owonwabileyo nowonwabisayo, eguqukela kumntu onoxinzelelo. Ndizithandile iimonologu (monologues) zakhe eziveze ubulolo balo mfana kuba ngaphambi kwazo ebekade ethetha nabantu. Wasuka ngoku wangumntu onempendulo enye xa ethetha nabo ethi “Buzani Ku Bawo”.

Mandibalule nomculo kulenkqubo, kuba bayacula ke khona. Ukhutshwa emigidini uye emitshatweni nasemingcwabeni ngamazwi amnandi. Bayitsho ngodlamko novuyo ingoma xa beyiphethe, balityhale ixesha liye phambili sonke sonwabile. Ndide ndaneengcinga zokuba yi-Musical le, kangangendlela umculo okhoyo ngayo kuyo. Njengokuba ngumdlalo wenzelwe abafundi, ke ngoko izinto ezithethwayo nezenzekayo ziliqela – isiXhosa esilapha sibubusi ezindlebeni, uyakothuka sekugodukwa! Kodwa ke, suva ngam, hambo zivela!

What: Buzani Ku Bawo

Where and when: Artscape from 15 to 25 May 2024

Tickets: Webtickets

WS