Genesis - premiere by Gregory MaqomaGENESIS – THE BEGINNING AND END OF TIME. Ulawulwa wa Choreografwa ngu , kucula u Anelisa Phewa, Anelisa Annalyzer Stuurman, Bongiwe Mthwakazi Lusizi, Xolisile Bongwana no Yongin Sullaphen. Abaxhentsi – Gilbert Goliath, Monicca Magoro, Nathan Botha, Noko Moeketsi, Roseline Wilkens, Thabang Mdlalose no Tshepo Molusi.

ZINOBULALI GODUKA

IbinguMbo noMxesibe kumagumbi ase Baxter theatre izolo. Ingulowo ufuna ukuzibonela ngawakhe amehlo umdlalo omtsha kraca ka Gregory Maqoma. Igama apha elibalasele kunene ngemisebenzi yakhe kwezenkcubeko nobugcisa kwicala lomxhentso. Ubukho bale nqeberhu apha eBaxter kuye kuba yinto eqhelekiyileyo emva kweminyaka emibini. Ngo 2024 waza nodlwabevu lomdlalo weqonga ogxile engomeni nakumxhentso okanye i dance, u Cion: Requiem of Ravel’s Bolero owasishiya sizonwaya, siminxekile ngenxa yefuthe lokuntsokotha kwawo. UCion waye enkinkqe impembelelo kwincwadi ka Zakes Mda ethi Cion ikwasebenzisa nomculo ka Maurice Ravel othi Bolero zonke ziyondelelaniswa sisicathamiya nesigqi. Zibuyile ke ezonginginya eziwulandelayo umsebenzi wakhe zizekugcwalisa iintili zazo kulo msebenzi mtsha odidiyelwe ngokunxulumene ne Baxter theatre ne Vuyani Dance theatre.

Imisebenzi ka Maqoma ayithekeleleki

Imisebenzi ka Maqoma idume ngokunga thekeleleki, awufane uyazi ukuba uza kuthigqi nantoni na kumsebenzi wakhe ngaphandle ke komculo lo udidiyelwa apha eqongeni phambi kwethu ne dance. Ihlobo ayenza ngayo imidlalo yakhe yeqonga uhlala ephula yonke into ocinga uyayazi ngomdlalo we qonga womxhentso, uveza amathuba okutyebisa kwaye anwenwise indlela idance esiyibona ngayo. UGenesis uzeke-mzekweni ngokuthi adibanise i Opera nomxhentso. Amaxesha amaninzi siye siyibone Opera idityaniswa ne ballet kodwa mna, zange ndayibona idibana nentlobo-ntlobo zomxhentso zelizwekazi iAfrica. Ukuthi ibiluncuthu Mazangwa kuyakuba yimposiso engaphaya kokuqonda. Andikawafumani amazwi okuzobela ubuhle bezandi zomculo endizive kwelaqonga izolo andisathethi ke ngesingqi sika lo ka Maqoma. Ukuba ungumthandi womculo khawuzenzele inceba wethu uyokuzivela. Yenye kanye yezinto le eyenza imisebenzi ka Maqoma ibenomahluko, wonke umntu uphuma nento yakhe okanye ukhetha le ithetha naye.

Genesis Baxter pic

Ungena nje kwi theatre iPam Golding ugangwa ligonga elineqongana lalo ligqunywe ngelaphu elimhlophe. Ngapha kwalo kudwele imilonji, lo udidiyelayo wonke umculo Yogin Sullaphen, Bongiwe Mthwakazi Lusizi otsho ngezwi ibengase ubize ilali nombele lide liye kunina, uXolisile Bongwana okwadlala ummeli nomxolelanisi kwelibali no Anelisa Stuurman okwadlala indawo erhanelekayo yokucinezala, ahlukumeze uluntu kuba efuna igazi labo azolisebenzisela ubumnyama. Kumane kusehla amaxwebhu wamalaphu bu phephara akwasebenza njengendawo yokuveza inguqulelo yamagama kwabo bangasaziyo isiXhosa. Lamaphepha neliqonga zenza umfanekiso ubukekayo. Uyibetha ngoyaba u Anelisa Phewa njengomdlali ophambili ecula, ebonga ekwa danisa nodanisa maxa wambi. Wohluke yedwa ngempahla eziluhlaza. Ibikwa ngulo ka Phewa obonakalisa iziva zokugcikivwa komzimba womntu yimikhwa nobugqi bamadla-gusha.

Lomdlalo ubugxile kakhulu kwizibhalo, ezingcwele ukwacuntsula uphinde uphenjelelwe ziingcamango eziphakamisa amanya zamatshantliziyo afana no Biko, Fanon and Aime Cesaire. Zisikhumbuza ukubaluleka kobunye ekuchileni amashwangusha azanobukoloni. Ziqhubeka zikwabhetsisa intlalo yanamhla ngemisebenzi ka Karthika Nair no Nhlanhla Mahlangu othi “The Only Good Migrant” , neminye. Utyebile wona umsebenzi kwizibhalo kwaye unzulu kodwa uyalandeleka nokuba zange wadibana nalemisebenzi ibhaliweyo ngaphambili. Ilizwe lalomdlalo lisuke langa lilizwe lentsomi apho uhamba phakathi kwamagama, indlela zakhona zenziwe zizivakalisi. Yiba nomfanekiso ngqondweni wempahla ezimdaka, izicrolls kunye nomculo onga usuka kwenye iplanethi, udibanise yonke lento nesingqi esiphefumla onga sincedisana nawe ukwetyisa ezingcinga zibekwe phambi kwakho.

Ingamango zicacile kodwa uthini umongo

Kodwa kunjalo bendinayo indawo ethi lithini kanye-kanye elibali kuba ukhona umdlali ophambili odlalwa ngu Anelisa Phewa. Ewe, ndiyasiva isihobe, ndiyaziva zonke ezizibhalo zalamadoda ayechasene nokucinezelwa kwabantu kodwa ndiye ndasokola ukufumana ukuba lithini ibali in its basic form. Ingcamango ndiyaziva kwaye ndiyazilandela kodwa umongo ubundiphuncuka ingakumbi xa kuzothethwa ngabathakathi nezinyanya ndawonye. Sonke siyayazi i witchcraft suppression act of 1957 nebala eyalibeka emagqirheni. Mhlawumbi ke yenziwe ngenjongo yonke lento ukubonisa ubuqotha-qikili babayili bengcinezelo. Ekuqaleni siyalibona udushe phakathi kwalomdlali uvathe eziluhlaza udlalwa ngu lo ka Phewa exhatshwa zizandla nekrele elinoburhala-rhume lomlinganiswa odlalwa ngulo ka Stuurman ukanti oka Bongwana yena nabaxhentsi bayabhebhetha bezama ukumkhusela de abe uyoselwa lelizim linxanelwe igazi. Liyaqhubeka ke ibali ahlanjwe ndiye ndithekelele ke ukuba yile nzala-kabutsha nempiliso ithetha ngayo iprogramme, de abe unelizwi elikhokhela abaxhentsi. Kunokwenzeka ukuba ndiphosene nayo engomeni okanye kwisihobe eyokuba ungubani kwezizingaba angena kuzo kwaye i arch yakhe iphelelaphi.

Lomdlalo uGenesis ukubamba nkqi usaqala ungaphinde akuphuncule sele ndinemibuzo, akhange ndibe nathuba lokuba ndibe ndigxila kuyo ngenxa yomtsalane wobekuqhubeka eqongeni. Uthi usahlafuna abaxhentsi abahamba ngogaga ube unambitha umculo kuthi gqi itext ku Anelisa Stuurman uthi usetyisa uphinde udyarhwe yingoma. Akukho thuba endikhe ndahlala ndazichoba intloko ndicinga ezam. Ngamaxesha onke isingqi umculo, isihobe ne dialogue ibindibambele kufuphi. Kwaye akudingeki wazi izangotshe ze dance ukuze wazi okanye ufumane ukuba umdlalo uzama ukuthini, uyafikeleleka kuye wonke umntu nokuba awuqeqeshelwanga umxhensto.

Genesis Baxter pic

Ifuthe lezinxibo

Mna ke ndincanyiswa umxhelo zimpahla zabo zelance – akukhathaliseki nokuba zizivatho zabaxhentsi ezimnyama zabazili ezegqume ubuso zekwatha cokotho isikwere ifedora phezu kwalo lace ku Cion or ilace emdaka apha ku Genesis ithwe tju emagxeni, entloko kuthwelwe izigqoko engathi zezama Herero bechwechwa oonkabi bethe mpaa amaxhwebhu ezibhalo. Lemifanekiso ihlasimlisa umzimba ndizive ndinenkantsi umzimba wonke inga ndingatsho isijwili. Kuyo yonke lento umculo uphembelela zonke ezimvakalelo kumane kusithi xha iphinde isuke, bethunana kuyadidiyelwa akudlalwa!

Ukudidiyela umculo apha, ngoku, phambi kweenginginya kuphantse kwawuchana kanobomi lomdlalo. Bezikhona indawana ebezinamagingxi-gingxi ingakumbi isiqendu sokugqibela. Bathe bebhinyalaza abaculi pha ngemva bezama ukufakana yabe ibonakala kwaye ivakala ukuba ikhona into engayondelelaniyo – la he-e ubatyabule into engapha kwemizuzu emithathu bezama ungena, bade bazama nange mpempe kuzo yondelelana sele kukudala sele icaca indima yesingqi kubaxhentsi kodwa bengayekanga bebhekecekile sekucaca uba babetha ukuyazi ngoba ingoma bayishiye ngothuli. Ngaphandle kobu bigingxi-gingxi lomdlalo ngowe zangxa. Kuyacaca xa kutshila intambanane uyaphuma umkhambathi uyintyontyele isine ibhekeceke.

Yizani ke bantwana abahle nizokubona ubuhle beqonga in its excellence.  Lomdlalo use Baxter Theatre from 18 -21 February. Ungaphoswa yiyo yonke enye into kodwa ungakulinge uphoswe ngulo.

What: Genesis by Gregory Maqoma

Where and when: Baxter from 18 to 21 February 2026

Tickets: Webtickets

WS