MAXEKE. Maxeke reviewInikezelwa liZiko loPhando lwezoBuntu, kwiYunivesithi yaseNtshona Koloni, ngentsebenziswano ne-Ukwanda Puppets kunye ne-Design Arts Collective. Umlawuli: Itumeleng wa-Lehulere. Umbhali: Buhle Ngaba. Star Theatre District Six Homecoming Centre (eyayifudula iyiThe Fugard).

Uphononongo lomdlalo weqonga ngu PEGGY TUNYISWA

Igama likaMam’uCharlotte Maxeke alisinqabelanga singabantu boMzantsi Afrika, ngobukhulu balo kude kubizwe izitalato, izikolo, wena sibhedlele ngeligama lakhe. Konke oku kuzinzame zokuba angalibaleki njengo yena “Mama weNkululeko yabaNtsundu” eMzantsi Afrika. Kwa wona lo msebenzi wokubalisa ngamaqhawe namaqhawekazi esizwe esimnyama, ngumsebenzi obalulekileyo, kuba sisuka kwixesha apho ibingcwatywa kwanto engathi iphucukile ngathi ingakumbi abafazi abamnyama. Ngoku kuvusw’iintshatsheli kungcwatyw’ amabhedengu, kubuyiselwa ubuntu ebantwini nesidima sabo esemka ooMam’uCharlotte aba bengekazalwa.

Igama elikhulu kangaka ke limelwe kukuphathwa kwazizandla ezinesidima, inkathalo, ulwazi nombono. Kuwo lo mdlalo weqonga, kuhlangene kwabambisana oophopho kwindawo zabo, izinto ezikhethwe ngokuthenjwa kwazo ngokuzimisela xa zizebenza! Futhi ke bazinikele ngokuncomekayo nokungakrokrisiyo abadlali beqonga ekuphumezeni umsebenzi onzima ebebewenza.

Lo mdlalo inene ukukutya kwamehlo neendlebe njengokuba isitsho nenkcazelo kwiphetshana lakhona. Eneneni, yayiyimilonji nemilonjikazi abalinganiswa bonke ukuqala kokuduma kwabo nokubalasela kukaCharlotte ngeziphiwo zakhe. Banamazwi ke abadlali, bayacula bekwa bhexeshwe yingqwel’ emculweni uNeo Muyanga. Nobenxibisa abadlali, udibanisile kwayelela kwisinxibo selolixa lokuphila kwabalinganiswa, kodwa akabaxina kwintlalo ethile kuba bebeguqu-guquka amatyeli amaninzi ngumsebenzi wobulinganiswa. Ibe ke ibingumsebenzi, bephatha kucula, babuye baqoqoshe iqonga, balawule iiphaphethi (puppets), babengabantwana, kungenjalo babebadala.

Maxeke review

Ungeva ngam, hamb’ozivela!

Iiphaphethi ezi zinomtsalane kakhulu, ngokulingana kwazo nabantu, isinxibo nobunono ezilawulwa ngabo. Ngamachule abenzi bezaaphaphethi, zenza intliziyo ibebuthathaka zisasuka. Into ke ngazo, awazi nokuba yona okanye abalawuli bayo, ukungqina laa nto bendisithi igama elikhulu kanje ngeli lika mam’uMaxeke lifanelwe zizandla ezinje.

Umzi-qonga le Homecoming Centre District Six belisakuba yi Fugard Theatre de yabe iyavalwa unomphelo ngexesha elibi leKhovithi-19. Ndagqibela ngoko nam ukuyingena le ndawo, ndiyikhumbula ngemiboniso emihle nemikhulu. Uqobo lweqonga ke lona libanzi kwaye liphakamile. Nalapha, obeyila iqonga wenze kuhle ukuligcwalisa ngezinto ezingaxakiyo kuba beziqhutywa nazo zongeze ekuthungelelaneni kwebali.

Kuko konke oko kuxakeka netalente efeleyo, umdlalo wona umde unako nokubetha ngomgc’omnye. Umbhexeshi ke kwelicala ibingumntu omkhulu yena kuqala kwiTheatre ne Drama yeli uItumeleng wa-Lehulere. Ngoku uncomekayo umsebenzi wakhe, unayo indawo engathi siyafundiswa kunokuqhelaniswa. Umahluko ikukuthi iimfundiso ziginyisa nongazifuniyo, ibe ukuqhelanisa ikukuthandisa. Ndifundile ukuba bekumele kunjalo.

Ungeva ngam, hamb’ozivela! Umdlalo lo uboniswa nge 6 to 11 eyoMdumba (Februwari) e Star Theatre.

Intoni: Maxeke

Phi kwaye nini: Star Theatre District Six Homecoming Centre, 6 – 11 eyoMdumba (Februwari)

Amatikiti: Webtickets

Iifoto: Grant Williams

WS